


BONA XHOSA - May 1996 103


Gqirha Sipho, Ndandinentombazana endandithandana nayo nendaba nendibano yesondo nayo kwakanye ngojanuwari ka-1993. Ndaphinda ndayibona ngo-Okthobha ka-1993 ikhulelwe. Yandixelela ukuba yenziwe nzima ndim yaza yamzala ngo-1994. Ngaba inyanisile le ntombazana xa isithi umntwana ngowam? NguJ.H.G., eNanibia.

Eneneni umntwana ozelwe ngo-Aprili ka-
1994 wenziwe ngojulayi okanye Agasti ka- 1993. Umntu ukhulelwa iinyanga ezilithoba hayi ezili-10!


Gqirha Sipho, Ndilinenekazi eline-19 leminyaka ubudala
elithandana nomfana onama-25 eminyaka ubudala. Ingxaki yam kukuba xa ndinendibano yesondo naye andikhululeki kwaphela. Andiyiva nencindi yakhe yobudoda xa ingena kum. Ngaba kuqhelekile oku?
NgUN.B.S., eBizana

Andikuvisisisi xa usithi awukhululeki
kwaphela xa unendibano yesondo. Ukuba ngaba uva iintlungu oko kunokubangelwa kukungabi manzi ngokwaneleyo ngoko ndinokukucebisa ukuba usebenzise isithambisi esithile selungu lobuntombi. Inenekazi aliyiva incindiyobudoda xa ingena kulo kubakho incindi ephuma kwilungu lobuntombi emva kwendibano yesondo xa ibiphumile incindiyobudoda.



Gqirha Sipho, Ndilinenekazi eline-19 leminyaka ubudala kwaye ingxaki endinayo yeyokuba nezilonda ngaphandle kwilungu lam lobudoda kodwa andikakhuphi ncindi echaza ukuba ndinesifo esisulelwe ngesondo. Ngaba mhlawumbi ndiphethwe sisifo simbi kwaye ukuba kunjalo ndingasinyanga njani?
NgUI.D.S., eTzaneen.

Izilonda ngaphandle kwilungu lobudoda
zibangelwa sisifo esisulelwe ngesondo. Tyelela ugqirha okanye iklinikhi ukuze uxilongwe kwaye unokufumana nonyango olufaneleyo.
Ziliqela iindidi zezifo ezisulelwa ngesondo
kwaye ngasinye sinonyango lwaso, lilonke kubalulekile ukuba ufumane unyango olufanelekileyo. Ukungafumani nyango lufaneleyo kungakhokelela ekubeni ube nengxaki yanaphakade, usulele isithandwa sakho kunye nabantwana bakho.


Gqirha Sipho, Andinqweneli kukhulelwa okanye ukufumana AIDS. Nangona kunjalo ndiyanqwenela ukuba nendibano yesondo nomfana endincuma naye kodwa ngaphambi koko ndifuna ukwazi ezi zinto zilandelayo: ukuba xa enokusebenzisa iikhondom ezimbini umfana endincuma naye angandikhusela ekukhulelweni okanye ekufumaneni iAIDS?
eMamelodi.

Usenokungakhulelwa okanye ungayifumani iAIDS ngokusebenzisa ikhondom kodwa oko akukhuselekanga ncam. Unokucwangcisa ngeepilisi ezithembekileyo nezifumaneka kugqirha okanye eklinikhi nanjengoko kufuneka uxilongwe kuqala




















